I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IiBhayibhile Ezenziwa EJapan

IiBhayibhile Ezenziwa EJapan

Ukuze kufumaneke iiBhayibhile ezinoqweqwe oluqinileyo kunye nedeluxe, amaNgqina kaYehova afaka umatshini omtsha wokudibanisa iincwadi kwisakhiwo sokuprinta esise-Ebina, eJapan.

Ekuqaleni, kwakukho inkxalabo kuba inyikima netsunami ezantlitha iJapan ngoMatshi 11, 2011 zibangele ingxaki yombane.

Sekunjalo, ngoSeptemba 2011 wangena umatshini. Kungekapheli neenyanga ezintathu, umatshini wawusele usebenza yaye waqala ukwenza iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiTshayina.

Lo matshini uzenzela yonke into unobude obuziimitha eziyi-400 (1,312 ft). Njengoko amaphepha encwadi ebaleka kulo matshini, uyawadibanisa, uwafakele amaqweqwe, xa sele iziincwadi uzicinezele, zipakishwe, zifakwe ezibhokisini, zivalwe zize zibekwe kwiiphalethi.

Intsebenziswano Inomvuzo

Kwacetywa kakuhle kwaza kwalungelelaniswa izinto ukuze lo msebenzi ube nemiphumo emihle. Ngokomzekelo, lo matshini kwafuneka ugqunywe, ufakwe kwiibhokisi, upakishwe kwiicontainer eziyi-34 uze uhanjiswe ngenqanawa ukusuka eYurophu uye eJapan.

Abazalwana abalishumi abakwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eUnited States baya kuncedisa ekufakweni kwalo matshini. Abanye bahlala iinyanga ezintandathu, befundisa abazalwana baseJapan indlela yokuwusebenzisa neyokuwugcina usebenza.

Lo matshini mtsha wokudibanisa iincwadi utsale umdla wemizi-mveliso yaseJapan eyenza iincwadi, eprintayo nepapashayo. NgoMatshi 19, 2012, kwafika abantu abangaphezu kwekhulu abasuka kule mizi-mveliso beze kubona le ofisi. Babengayivali imilomo.

Ngaphambi kokuba bahambe, ngamnye wanikwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ephuma kulo matshini.

Ngoku isebe laseJapan, elaseUnited States nelaseBrazil avelisa iiBhayibhile zamaNgqina kaYehova ezinoqweqwe oluqinileyo.

‘Ngoku Ndiza Kusebenza Nzima’

AmaNgqina kunye nabantu abakwiinkampani ezingaphandle baye bakuvuyela ukusebenza kunye kulo matshini. Omnye umsebenzi ongeloNgqina wathi: “Ingathi siyintsapho enye.

Kusuku lokugqibela lokufakelwa komatshini, omnye umsebenzi ongeloNgqina wathi: “Umsebenzi endiza kuwenza ngoku uza kuba nzima kuba andizukuwuvuyela njengalo waseWatchtower!

 

Funda Okungakumbi

Umsebenzi Wokuprinta Owenziwa Ehlabathini—Unceda Abantu Bafunde NgoThixo

AmaNgqina kaYehova anezakhiwo zokuprinta eziyi-15 azisebenzisa ehlabathini lonke, kuzo enza iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kwe-700.