Yiya kwinkcazelo

‘Wuxhobele Ngokupheleleyo Wonke Umsebenzi Olungileyo’

Ukukhululwa KweZibhalo Ezingcwele ZeNguqulelo Yehlabathi Elitsha Ehlaziyiweyo

‘Wuxhobele Ngokupheleleyo Wonke Umsebenzi Olungileyo’

Bavuye kakhulu abantu abayi-88 094 eMzantsi Afrika naseNamibia nge-6 kaSeptemba 2019, xa uMzalwana uAnthony Morris weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova eye wakhulula iZibhalo Ezingcwele ZeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ezihlaziyiweyo ngesiXhosa.

AmaNgqina KaYehova athetha isiXhosa ayifumana ngo-1999 iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala. * Sele kupapashwe iikopi eziyi-124 000 zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiXhosa ibe ziye zasetyenziswa ngamaNgqina KaYehova athetha isiXhosa angaphezu kwe-11 666 ehlabathini lonke. Kodwa kutheni iye yahlaziywa le Bhayibhile? Ihlaziywe ngoobani? Yintoni enokwenza uyithembe? Ziintoni ezinye izinto ezikhoyo kuyo eziza kukunceda ‘uwulungele uze uwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo’?​—2 Timoti 3:16, 17.

Ihlaziyelwe ntoni?

Njengokuba iminyaka ihamba nolwimi luyatshintsha, yiloo nto kuye kufuneke ihlaziywe inguqulelo yeBhayibhile ukuze abantu bayiqonde xa beyifunda. Xa ibhalwe ngolwimi lwakudala ayizukwazi ukubanceda abantu abaninzi.

UYehova uThixo waqiniseka ukuba iincwadi zeBhayibhile zibhalwa ngolwimi olwaluthethwa ngabantu belo xesha ukuze bayiqonde xa beyifunda. NeKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha iye yakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo yesiNgesi ngo-Oktobha 2013. Intshayelelo yale nguqulelo ithi: “Eyona njongo yethu ibikukuba siyiguqulele ngokuchanileyo ngokusuka kwimibhalo yokuqala, size ngaphezu koko siyenze icace ize ifundeke lula.”

Kwasetyenziswa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele​—Eneembekiselo yesiNgesi ka-1984 xa kwakuguqulelwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala yesiXhosa. Kodwa xa ibihlaziywa kuye kwasetyenziswa iBhayibhile yesiNgesi esand’ ukukhululwa, ibe iguqulelwe ngesiXhosa esilula ukuze kube lula ukuyifunda.

Ezinye izinto ezincedileyo kukuba, iilwimi ekwakubhalwe ngazo iimibhalo yeBhayibhile yokuqala, isiHebhere, isiAramiki nesiGrike, ziye zaqondwa bhetele emva kokuba kukhululwe iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala yesiNgesi. Kanti kuye kwafunyanwa imibhalo yeBhayibhile yakudala eyayikade ingekho, eye yanceda abaguquleli bayiqonde kakuhle eyona nto yayibhaliwe eBhayibhileni.

Loo nto iye yabangela ukuba ezinye iindawo zilungiswe, ukuze zihambisane nendlela abaphandi abaninzi abayamkela njengeyona isondeleyo kwimibhalo yokuqala. Ngokomzekelo, kweminye imibhalo yakudala, uMateyu 7:13 uthi: “Ngenani ngegeyithi encinci, kuba inkulu igeyithi, iphangalele nendlela eya entshabalalweni.” KwiiBhayibhile zangaphambili zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, indawo ethi inkulu “igeyithi” yayingekho. Kodwa, emva kokuba kuphandiwe kwimibhalo yakudala, kuye kwafunyanwa ubungqina bokuba le ndawo ithi inkulu “igeyithi” yayikhona kwimibhalo yokuqala. Ngoko ke nakule inguqulelo ifakiwe. Zininzi nezinye izinto ezilungisiweyo. Kodwa ke, izinto ezitshintshiweyo zincinci, ibe aziyitshintshi eyona nto ifundiswa liLizwi LikaThixo.

Xa bekuphandwa, kuye kwabonwa ukuba igama likaThixo elithi Yehova limele livele nakwezinye iindawo ezintandathu eBhayibhileni. Ezo ndawo zikuBagwebi 19:18; nakweyoku-1 kaSamuweli 2:25; 6:3; 10:26; 23:14, 16. Ngoku kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo yesiNgesi, igama likaThixo elithi Yehova livela kwiindawo eziyi-7 216, xa sidibanisa neendawo eziyi-237 elivela kuzo kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.

Imizekelo yezinto ezitshintshileyo kwiBhayibhile yesiXhosa ehlaziyiweyo

Endaweni yokusebenzisa igama elingasathethwayo elithi “isimumu,” ngoku kusetyenziswe elithi “umntu ongakwazi ukuthetha.” (Mateyu 9:32, 33) Igama elithi “ihenyukazi” liye lasuswa kwaza kwafakwa elithi “unongogo” okanye “umfazi othengisa ngomzimba.” (Genesis 38:15) Igama elithi “ukuhenyuza” lisusiwe kwaza kwafakwa “ukuziphatha kakubi ngesondo.” “Ihambo evakalala” iye yatshintshwa kwafakwa “ukuziphatha ngokungenazintloni.” “Iziyunguma” ngoku “ziipati ezingalawulekiyo.” (Galati 5:19-21) “Ixesha elingenammiselo” liye lasuswa kwaza kwafakwa igama elithi “ngonaphakade” okanye “kwimihla yakudala,” ukuze icace eyona nto ithethwayo.​—Genesis 3:22; Eksodus 31:16; INdumiso 90:2; INtshumayeli 1:4; Mika 5:2.

KwisiHebhere nesiGrike sakudala, igama elithi “imbewu” linokuthetha imbewu yesityalo, inzala yabantu okanye amadlozi. Ekubeni kungaqhelekanga esiXhoseni ukuthi inzala yomntu “yimbewu,” eli gama liye latshintshwa kwaza kwasetyenziswa eliyichaza kakuhle loo nto ithethwayo, kuxhomekeka ukuba kuthethwa ngantoni. (Genesis 1:11; 22:17; 48:4; Mateyu 22:24; Yohane 8:37) Kwiindawo ezininzi, igama elithi “inzala” lisetyenziswe xa kuthethwa ngesithembiso sase-Eden esikwiGenesis 3:15.

Ipapashwe ngoobani?

INguqulelo Yehlabathi Elitsha ipapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society, umbutho osemthethweni wamaNgqina KaYehova. Sekuyiminyaka engaphezu kwekhulu amaNgqina KaYehova enika abantu iiBhayibhile ehlabathini lonke. IKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha yakhulula inguqulelo yesiNgesi yokuqala phakathi ko-1950 no-1960. Abantu ababekule komiti zange bafune ukuzukiswa ngabantu, bade bacela ukuba amagama abo angaziwa naxa sele beswelekile.​—1 Korinte 10:31.

Ngo-2008 iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova lakhetha abazalwana abaza kuba yiKomiti YeNguqulelo YeBhayibhile Yehlabathi Elitsha. Ngoko nangoko aba bazalwana baqalisa ukuhlaziya iBhayibhile yesiNgesi becinga ngokuba iye yatshintsha indlela esithethwa ngayo ukususela oko kwakhululwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yokuqala yesiNgesi. Baye bajonga nendlela eye yaphendulwa ngayo imibuzo engaphezu kwe-70 000 ebibuzwa ngabaguquleli xa bebeguqulela iNguqulelo Yehlabathi Elitsha kwiilwimi ezingaphezu kwe-120.

Ihlaziywe njani iBhayibhile yesiXhosa?

Kuqale kwakhethwa iqela lamaKristu eliza kuyiguqulela. Kuye kwabonakala ukuba abaguquleli baye baguqulele kakuhle xa besebenza njengeqela. (IMizekeliso 11:14) Aba baguquleli bebesele beqhelile ukuguqulela iincwadi zamaNgqina KaYehova. Ngaphambi kokuba baguqulele iBhayibhile, baye bafundiswa imigaqo yokuyiguqulela nokusebenzisa iiprogram zekhompyutha ezenzelwe lo msebenzi.

Abaguquleli baye basebenzisa iprogram yekhompyutha ebancede babona ukuba amagama aseBhayibhileni athetha ntoni. Bebencediswa lisebe elinceda abaguquleli eliseNew York, eMerika. Lo msebenzi walathiswa yiKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova. Kodwa wenziwe njani?

Abaguquleli bayalelwe ukuba baguqulele iBhayibhile (1) ngendlela echanileyo, kodwa ibe yindlela abantu abaqhele ukuthetha ngayo, (2) bazame ukuba qho kuvela igama elithile baliguqulele ngendlela efanayo, baze (3) baguqulele igama negama nanini na ulwimi luvuma. Bayenze njani ke loo nto? Makhe sithethe ngendlela abayenze ngayo kule Bhayibhile. Iqela labaguquleli, liye lijonge ukuba loo vesi ibiguqulelwe njani kwiBhayibhile yesiXhosa ebikade isetyenziswa. Iprogram yekhompyutha ekuthiwa yiWatchtower Translation System iye ibabonise amanye amagama abanokuwasebenzisa. Ibabonise namagama esiHebhere okanye esiGrike eyayibhalwe ngawo loo vesi, ukuze babone indlela aguqulelwe ngayo kwezinye iivesi. Loo nto ibanceda bakwazi ukuyiguqulela kakuhle. Xa beyazi eyona nto ithethwa ngamagama akuloo vesi, batsho bakwazi ukuyiguqulela ngendlela abantu abathetha ngayo besebenzisa amagama esiXhosa alula. Xa beyigqibile baya kwelandelayo.

Kucacile ke ukuba ukuguqulela ayikokubhala nje amagama esiXhosa endaweni yawesiNgesi. Abaguquleli bamele baqiniseke ukuba isiXhosa sithetha le nto ithethwa sisiNgesi. Benze loo nto kanye abaguquleli bale Bhayibhile. INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiXhosa iguqulelwe ngendlela ecacileyo nelula kodwa eyiveza kakuhle eyona nto yayithethwa liLizwi LikaThixo ngeelwimi zokuqala eyabhalwa ngazo iBhayibhile.

Sicela uzifundele nawe le Bhayibhile. Ungayifunda kwi-intanethi okanye kwi-JW Library okanye uzicelele eyakho kumaNgqina KaYehova. Siyakuqinisekisa ukuba xa uyifunda, uza kuva izinto ezithethwa nguThixo ngendlela echanileyo ngolwimi lwakho.

Izinto ezikule Bhayibhile ihlaziyiweyo

Intshayelelo YeLizwi LikaThixo: Iphendula imibuzo eyi-20 yeemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile

Inkcazelo Emfutshane Ngencwadi: Iba sekuqaleni kwencwadi yeBhayibhile, ibonisa izinto ekuthethwa ngazo, izahluko neevesi ezikuzo. Ithathe indawo yemixholo ebikade ibhalwa kwiphepha ngalinye leBhayibhile

Iimbekiselo Ezisesiphakathini Sephepha: Ngoku kukho iimbekiselo eziza kusinceda kakhulu entsimini

Imibhalo Esemazantsi: Ibonisa enye indlela ebenokuguqulelwa ngayo amagama, indlela yokuwaguqulela ngokoqobo okanye inike enye inkcazelo

Amagama AseBhayibhileni: Inamagama neevesi ezisinceda entsimini naxa sifundisa

Ingcaciso Yamagama EBhayibhile: Icacisa amagama amaninzi asetyenziswe eBhayibhileni

ISihlomelo A: Sithetha ngezinto ezikule Bhayibhile njengendlela eguqulelwe ngayo, amagama asetyenzisiweyo size sithethe nangendlela eliguqulelwe ngayo igama likaThixo

ISihlomelo B: Sahlulwe kayi-15, sinemifanekiso, iimaphu neetshathi

^ isiqe. 4 Inguqulelo YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yesiXhosa yakhululwa ngo-1995.