I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AmaNgqina KaYehova Afundisa Abazali Nabantwana Ukuba Bazikhusele Ekuxhatshazweni Ngokwesondo

AmaNgqina KaYehova Afundisa Abazali Nabantwana Ukuba Bazikhusele Ekuxhatshazweni Ngokwesondo

IBhayibhile iyalela abazali ukuba babathande, babakhokele, babakhusele futhi babajonge njengezipho ezivela kuThixo abantwana babo. (INdumiso 127:3; IMizekeliso 1:8; Efese 6:1-4) Enye kwizinto ezininzi abanokubakhusela kuzo kukuxhatshazwa ngokwesondo.

Kangangamashumi eminyaka, amaNgqina KaYehova aye apapasha aza asasaza inkcazelo ekhuthaza ulwalamano oluhle kwiintsapho. Akwavelise noncwadi olunceda abazali bakhusele abantwana babo ekuxhatshazweni ngokwesondo nolukwafundisa abantwana ngalo mba. Olu ludwe lulandelayo ngumzekelo wenkcazelo enolwalathiso kule nkalo. Phawula ukuba zingaphi iikopi neelwimi amanqaku apapashwe ngazo. *

  • Umxholo: IncestThe Hidden Crime

    • Imagazini: UVukani! wesiNgesi kaFebruwari 8, 1981

    • Iikopi: 7 800 000

    • Iilwimi: 34

  • Umxholo: Help for the Victims of Incest

    • Imagazini: IMboniselo yesiNgesi kaOktobha 1, 1983

    • Iikopi: 10 050 000

    • Iilwimi: 102

  • Imixholo: Child MolestingEvery Mother’s Nightmare; Child Molesting‘Who Would Do a Thing Like That?’; Child MolestingYou Can Protect Your Child

    • Imagazini: UVukani! wesiNgesi kaJanuwari 22, 1985

    • Iikopi: 9 800 000

    • Iilwimi: 54

  • Imixholo: Amaxhoba Amsulwa Angabantwana Abaxhatshazwayo; Amanxeba Afihlakeleyo Abantwana Abaxhatshazwayo

    • Imagazini: UVukani! kaOktobha 8, 1991

    • Iikopi: 12 980 000

    • Iilwimi: 64

  • Imixholo: Umntwana Wakho Usengozini!; Sinokubakhusela Njani Abantwana Bethu?; Uthintelo Ekhayeni

    • Imagazini: UVukani! kaOktobha 8, 1993

    • Iikopi: 13 240 000

    • Iilwimi: 67

  • Umxholo: Khusela Abantwana Bakho

    • Ividiyo: Ividiyo yokucebisa uwonke-wonke, eyapapashwa ngo-2002

    • Iilwimi: 2

  • Umxholo: Indlela Awakhuselwa Ngayo UYesu

  • Imixholo: Ingozi Exhalabisa Abazali; Indlela Onokubakhusela Ngayo Abantwana Bakho; Khusela Intsapho Yakho

    • Imagazini: UVukani! kaOktobha 2007

    • Iikopi: 34 267 000

    • Iilwimi: 81

  • Imixholo: Ndinokuzikhusela Njani Kubantu Abaxhaphaza Abantwana Ngokwesini?; Imibuzo Ebuzwa Ngabazali: Ngaba Ndifanele Ndithethe Nomntwana Wam Ngesini?

  • Umxholo: Abazali Bangabafundisa Njani Abantwana Babo Ngesini?

    • Umthombo: Iwebhsayithi ethi jw.org; inqaku elapapashwa ngoSeptemba 5, 2013

    • Iilwimi: 64

AmaNgqina KaYehova aza kuqhubeka efundisa abazali nabantwana babo ukuze baphephe iingozi ezibangelwa ngabantu abaxhaphaza ngokwesondo.

^ isiqe. 3 Le mihla ibonisiweyo yeyoncwadi lwesiNgesi.

Funda Okungakumbi

Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali

Unokubanceda njani abantwana bakho bajongane neengxaki zokuziphatha zale mihla?