I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

“Ningumzekelo Omhle!”

“Ningumzekelo Omhle!”

AMANGQINA KAYEHOVA aseSaponara, idolophu yaseSicily, afumana imbasa ngenxa yokunikela uncedo emva kwezikhukula eziye zantlitha loo mandla.

NgoNovemba 22, 2011, isikhukula santlitha iidolophu neelali ezikwiphondo iMessina. Ngobo busuku eSaponara, abantu abathathu—umntwana kunye nabantu ababini bafa ngenxa yokugqunyelelwa ludaka.

Kwiintsuku ezilandelayo emva kwentlekele, amaNgqina kaYehova ahlanganisa amaqela abantu ukuze kucocwe udaka nobunye ubugoxo kwiindawo eziye zantlithwa kakhulu.

Loo maqela asebenza kunye nabasemagunyeni ukuze kuncedwe abantu abalufuna ngokwenene uncedo. Baqhubeka besebenza naxa abaninzi babesele beyekile. AmaNgqina awayesebenza apho ayeyi-50 ukusa kwayi-80 yaye amanye ayevela kwimimandla ekumgama ongaphezu kweekhilomitha eziyi-97.

Abantu abaliqela abahlala kummadla othwaxwe yile ntlekele bachaza indlela abakuxabisa ngayo oko bakwenzelwe ngamaNgqina. Imeya yayiphindaphinda la mazwi, “Ningumzekelo Omhle!

Kwiinyanga ezintlanu kamva, egameni labalawuli iGosa lakwamasipala uFabio Vinci lanika amaNgqina kaYehova imbasa.