I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AmaNgqina KaYehova Ancedisa Ekuyenzeni Ibe Ntle IRostov-on-Don

AmaNgqina KaYehova Ancedisa Ekuyenzeni Ibe Ntle IRostov-on-Don

NgoMeyi 20, 2015, abasemagunyeni besona sixeko sikhulu esikumazantsi eRashiya, eRostov-on-Don, bakhupha ileta ewabulelayo newancomayo amaNgqina KaYehova ngomsebenzi awenzileyo wokusenza sibe sihle isixeko ngentwasahlobo.

Ngoxa ayelungisa iRostov-on-Don, amaNgqina KaYehova asuka kumabandla amane, aqokelela inkunkuma eyayisendleleni naselunxwemeni lwemilambo. Kwiiyure nje ezimbalwa, agcwalisa ooplastiki benkunkuma abayi-300 baza bayolahlwa ziilori.

Yintoni le yenza amaNgqina afune kangaka ukunceda ekuhlaleni? URaisa oneminyaka eyi-67 uthi: “Andikwazi kungakhathali. Ndifuna isixeko endihlala kuso sicoceke ukuze wonke umntu ahlale endaweni ecocekileyo. Nokuba bambalwa abantu abawubonileyo umsebenzi esiwenzileyo, ndisawuthanda lo msebenzi. Ngapha koko, uYehova uThixo uyawubona.” UAleksander wongeza ngelithi: “Asishumayeli nje qha ebantwini kodwa senza neminye imisebenzi eluncedo kubo. Ndiye ndivuye xa ikho into endinokuyenzela abamelwane bam.”

Abantu ebebebukele bebekuxabisa kakhulu ukuzincama kwamaNgqina KaYehova. Omnye umhlali ebothukile kukuva ukuba amaNgqina awabhatalwa ngomsebenzi awenzayo. Waqonda ukuba naye makakhe ancedise ekucoceni waza kamva wathi: “Andizange ndiyicinge into yokuba ndingakonwabela ukucoca ndize ndaneliseke kangaka ngulo msebenzi!” Waphinda wathi: “Abanye kuni abahlali nalapha, kodwa nikwazile ukuza kusicocela!”

Igosa lesixeko laphawula ukuba iqela nje elincinane lamaNgqina laqokelela inkukuma eninzi. Lawafota ecaleni kooplastiki ayewagcwalisile ukuze abonise abanye indlela yokuwenza lo msebenzi.”

Funda Okungakumbi

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

Mangaphi amaNgqina kaYehova owaziyo? Yintoni kanye kanye oyaziyo ngathi?

Ithini IBhayibhile Ngokucoceka?

Funda ngamacebiso asengqiqweni afumaneka eBhayibhileni, ancede abantu abaninzi baphila ubomi obucocekileyo nobusempilweni.