I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AmaNgqina KaYehova Afumana Imbasa Ngenxa Yokukhusela Indalo

AmaNgqina KaYehova Afumana Imbasa Ngenxa Yokukhusela Indalo

Lo ngunyaka wesixhenxe, izakhiwo ekuprintelwa kuzo ngamaNgqina kaYehova eMexico zifumana imbasa yeClean Enterprise.

NgoSeptemba 26, 2012, urhulumente waseMexico uye wanika amaNgqina kaYehova imbasa ngenxa yokuba “ezinikele ekukhuseleni indalo.”

Le nkqubo yeClean Enterprise inceda imizi-mveliso ukuze ikwazi ukukhusela indalo. AmaNgqina kaYehova abandakanyeka nyaka ngamnye, nangona wona engenzi mali ngezinto azivelisayo. Isithethi sezakhiwo eziprintayo eMexico sathi: “Ukuze ufumane le mbasa yeClean Enterprise kufuneka sichaze ukuba siyayilandela imithetho yokhuseleko lwendalo kwezi nkalo zisixhenxe: umoya, amanzi, inkunkuma, izinto ezilahlwayo eziyingozi, ukhuseleko, umbane, kunye nokufundisa abanye ngendalo. Akunyanzelekanga ukuba imizi-mveliso ingenelele kule nkqubo. Sibandakanyeka ngokuzithandela.”

AmaNgqina kaYehova asehlabathini lonke, enza konke okusemandleni awo ukukhusela indalo.