I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AmaNgqina KaYehova Amkelwa Ngobubele EAtlanta

AmaNgqina KaYehova Amkelwa Ngobubele EAtlanta

“Ndiyawahlonela amalungu entlangano yenu ngomnqweno nokuzimisela kwawo ukusebenzela ubukumkani bukaThixo. Imigudu eniyenzayo ukunceda abahlali namanye amaNgqina kaYehova iyaxatyiswa kakhulu.”

Yatsho njalo ileta eyayivela kuKasim Reed, usodolophu wesixeko saseAtlanta, eGeorgia, eMerika. Le leta yayisamkela amaNgqina kaYehova ayeze kwiindibano ezintathu ezazibanjelwe apho.

Iziphathi-mandla zesi sixeko zatheth’ into efanayo. Zathi: “Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova aphantse abe zizigidi ezisibhozo, . . . aziintlanga ezahlukahlukeneyo, sekunjalo . . . amanyene ibe anosukelo olunye . . . Afuna ukudumisa uYehova, uThixo weBhayibhile noMdali wezinto zonke.”

Ezi ndibano zintathu zazingoJulayi nangoAgasti 2014, ezimbini zaziqhutywa ngesiNgesi enye ngeSpanish. Iindwendwe zazisuka kumazwe ayi-28 ibe ucwangciso lwesiNgesi lwalutolikelwa kwisiRashiya nesiJapan ukuze iindwendwe zive. Bonke ababezile kwezi ndibano zintathu babeyi-95 689.

Ebudeni buka-2014, amaNgqina kaYehova ebeneendibano zezizwe ngezizwe eziyi-24 kumazwe asithoba kuquka amazwe awahlukahlukeneyo ayi-16 eMerika.

Funda Okungakumbi

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Ngubani onguKumkani woBukumkani bukaThixo yaye yintoni eza kuphunyezwa buBukumkani?