I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Uphawu LweWatchtower—Uphawu Oludumileyo LwaseBrooklyn

Uphawu LweWatchtower—Uphawu Oludumileyo LwaseBrooklyn

Kangangeminyaka eyi-40, uphawu olukwikomkhulu lamaNgqina kaYehova olubhalwe ngamagama abomvu, anobude obuziimitha eziyi-4.6 laziwa ngabantu abaninzi baseNew York, abaninzi kubo baxhomekeke kulo ngexesha neqondo lobushushu.

UEboni olubonayo olu phawu xa ekwindlu yakhe eBrooklyn, uthi: “Kumnandi ukukroba ngefestile ukuze ndibone ixesha neqondo lobushushu ngaphambi kokuba ndiye emsebenzini. Kundinceda ndifike ngexesha emsebenzini ndize ndinxibele loo mozulu.

Ngaba olu phawu luza kube lukho kwiminyaka eyi-40 ezayo? Mhlawumbi alunakuhlala ixesha elingako. Ngenxa yokuba amaNgqina kaYehova eceba ukufudusela ikomkhulu lawo lehlabathi kwenye indawo, eso sigqibo siza kuxhomekeka kubanini abatsha beso sakhiwo.

Olu phawu lwafakwa kwiminyaka engaphezu kweyi-70 eyadlulayo ngumnini wokuqala weso sakhiwo. AmaNgqina kaYehova alutshintsha emva kokusithenga ngowe-1969.

Olu phawu lufuna ukusoloko lulungiswa. Izizukulwana ngezizukulwana zabafana bezisebenza kulo, zilungisa izinto ezifuna ukulungiswa yonke imihla.

Omnye owayesebenza ebusuku uthi: “Ngolunye urhatya safumana ifowuni evela kumphathi weendaba zeTV. Wayefuna ukusixelela ukuba ixesha elikuphawu lwethu lusemva ngemizuzwana eyi-15. Wayefuna ukuba sililungise ukuze alifake kwiindaba zobo busuku. Ngoko nangoko igcisa elalisozela laya kulilungisa.

Ukuze kuqinisekwe ukuba lichanile, olu phawu luye lwalungiswa kaliqela. Phakathi kwiminyaka yee-1980, kongezwa amaqondo obushushu abala ngokukaCelsius kolu phawu olwalukade luchaza ixesha kunye namaqondo obushushu abalwa ngokukaFahrenheit.

Ngo-2009, kwatshintshwa izibane ezidala kwafakwa ezisebenza kakuhle nezingasokolisiyo, nto leyo eyabangela ukuba nyaka ngamnye kuncitshiswe iindleko zokuzilungisa ngemali ezii-$4,000 (U.S.) Sithetha nje olu phawu lusebenzisa umbane omncinane kunalowo lalikade liwusebenzisa.