Iphephandaba laseyunivesithi iGaceta lithi, abafundi ababebuka iofisi nendawo yokuprinta yamaNgqina kaYehova eMexico babesithi ukutyelela kwabo kwabanceda “bayeka ukucalulana.”

Abafundi bathi:

  • “Sasichukumisekile kukubona . . . imbeko, ububele, ukulingana kwabasebénzi nokucoceka.”

  • “Ukukulungela kwabantu ukusebenza kunye ngumzekelo onokuxeliswa.”

  • “Bonke babezimisele emisebenzini yabo ibe babencumile.”

  • “Indlela izinto ezenziwa ngayo apha iyasimangalisa.”

Aba bafundi basuka eNational School of Library and Archival Sciences eMexico City.

AmaNgqina kaYehova akhenkethisa abantu simahla, kwiiofisi nakwiindawo zokuprinta ezikumazwe aphantse abe yi-100. Nabani na ongathanda ukukhenkethisa abafundi angafumana iinkcukacha zamaxesha okukhenketha kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IIOFISI NOKUKHENKETHA. Wonk’ umntu wamkelekile ukuza kukhenketha kwiiofisi zethu.