Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Inkcazelo Ngokukhenketha Neeofisi Zethu

Siyakumema ukuba uze kubona iiofisi noomatshini bethu bokuprinta. Fumana iadresi namaxesha okukhenketha.

 

EMerika

Yenza Amalungiselelo Okutyelela

Ngaphambi kokuba wenze amalungiselelo okukhenkethela kwiofisi yaseMerika, sicela uthumele ifomu yokutyelela. Sebenzisa ezi linki zingezantsi ukuze wenze ilungiselelo lokutyelela indawo oceba ukuya kuyo. Phawula ukuba akunakukhenketha kwizakhiwo ezingaphezu kwezimbini ngemini enye.

Kufuneka nazise iofisi xa nisiza kungakhathaliseki ukuba niliqela elingakanani ibe oku kufanele kwenziwe ngaphambi kokuba nityelele iiofisi zethu zaseMerika.

Amaqela Angaphantsi Kwe-20

Iqela Elinabantu Abayi-20 Okanye Ngaphezulu

Faka isicelo sokukhenketha kwizakhiwo zethu ePatterson, eWallkill naseWarwick njengeqela kwi-intanethi.

Ukurhoxisa Isicelo Sokukhenketha

Sebenzisa ifomu ekwi-intanethi ukuze urhoxise isicelo sokukhenketha njengeqela.

EPatterson

100 Watchtower Dr. (2891 Route 22)

PATTERSON NY 12563

UNITED STATES

+1 845-306-1000

Ukukhenketha

Nceda ufake isicelo sokukhenketha kwi-intanethi ngaphambi kokuba wenze amalungiselelo okukhenketha.

Ukususela NgoMvulo Ukuya Kutsho NgoLwesihlanu

Ukususela ngo-8:00 kusasa ukuya kutsho ngo-11:00 kusasa nango-1:00 emva kwemini ukuya kutsho ngo-4:00 emva kwemini.

Kuthatha iiyure ezimbini

Umsebenzi Ophambili

Kwenziwa imifanekiso yoncwadi lwethu ibe kurekhodwa neevidiyo. Xa kukhenkethiswa kuthethwa nangezikolo zeBhayibhile ezikhoyo.

EWallkill

900 Red Mills Rd.

WALLKILL NY 12589

UNITED STATES

+1 845-744-6000

Ukukhenketha

Nceda ufake isicelo sokukhenketha kwi-intanethi ngaphambi kokuba wenze amalungiselelo okukhenketha.

Ukususela NgoMvulo Ukuya Kutsho NgoLwesihlanu

Ukususela ngo-8:00 kusasa ukuya kutsho ngo-11:00 kusasa nango-1:00 emva kwemini ukuya kutsho ngo-4:00 emva kwemini.

Kuthatha iiyure ezimbini

Umsebenzi Ophambili

Kuprintwa iincwadi zeBhayibhile ezingaphezu kwezigidi eziyi-25 nyaka ngamnye. Kuthunyelwa iincwadi ngeelwimi ezingaphezu eziyi-360 kumasebe asehlabathini lonke nakumabandla amaNgqina kaYehova aseMerika, eKhanada naseCaribbean angaphezu kwayi-15 000.

EWarwick

1 Kings Dr.

TUXEDO PARK NY 10987

UNITED STATES

+1 845-​524-​3000

Ukukhenketha

Kuza kukhenkethiswa abantu ukususela ngoMvulo, ngoAprili 3, 2017. Nceda ufake isicelo sokukhenketha kwi-intanethi ngaphambi kokuba wenze amalungiselelo okukhenketha.

Ukususela NgoMvulo Ukuya Kutsho NgoLwesihlanu

Ukususela ngo-8:00 kusasa ukuya kutsho ngo-4:00 emva kwemini.

(Ukuzibukela imifanekiso)

Ukususela ngo-8:00 kusasa ukuya kutsho ngo-11:00 kusasa nango-1:00 emva kwemini ukuya kutsho ngo-4:00 emva kwemini.

(Ukukhenkethiswa)

Umsebenzi Ophambili

Ukuzibukela Imifanekiso

  1. . IBhayibhile Negama LikaThixo Lo mboniso ubonisa iiBhayibhile ezinqabileyo nendlela igama likaThixo eligcinwe ngayo eBhayibhileni phezu kwayo nje imigudu yokuzama ukulisusa. Lo mboniso ukwaquka nemifanekiso ejikelezayo yezinye iiBhayibhile ezinqabileyo.

  2. Abantu Begama LikaThixo. Lo mboniso ubonisa abantu imifanekiso yembali, ilifa LamaNgqina KaYehova. Le mifanekiso nengxelo yomntu wokuqala ibonisa indlela uYehova ebebakhokela, ebafundisa nendlela abalungelelanise ngayo abantu bakhe kule minyaka idlulileyo, ukuze benze ukuthanda kwakhe.

  3. Ikomkhulu Lehlabathi​—Ukholo Olunemisebenzi. Lo mboniso ubonisa umsebenzi weekomiti zeQumrhu Elilawulayo nendlela eliwanceda ngayo AmaNgqina kaYehova ukuba ahlanganisane, afundise abantu aze athandane.

Unokuzikhenkethela

Olu khenketho lwemizuzu eyi-20 lukubonisa imisebenzi eyenziwa KwiiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi.

Dawunlowuda incwadi yokukhenketha eBheteli