I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?

Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?

Umsebenzi wethu ngokuyintloko uxhaswa yiminikelo yokuzithandela yamaNgqina kaYehova. Akwenziwa nkongozelo kwiintlanganiso zethu, yaye amalungu ebandla akuyomfuneko ukuba akhuphe isishumi. (Mateyu 10:7, 8) Kunoko, kubekwa iibhokisi zeminikelo kwiindawo esidibanela kuzo ukuze nabani na ofuna ukunikela ngemali enjenjalo. Akachazwa umntu onikelayo.

Esinye isizathu sokuba sikwazi ukuhlawula iindleko zethu kukuba asinabo abefundisi abahlawulwayo. Ukongezelela, amaNgqina awahlawulwa ngomsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu, yaye iindawo esinqula kuzo azikho mbejembeje.

Yonke imali ekunikelwa ngayo isiwa kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ize isetyenziswe ukunceda abantu abathwaxwe ziintlekele zemvelo, abathunywa bevangeli nabaveleli abahambahambayo, ekwakhiweni kweendawo esinqulela kuzo kumazwe asakhasayo, ekuprintweni nasekuthunyelweni kweeBhayibhile nezinye iimpapasho zamaKristu.

Umntu uyazikhethela ukuba ufuna ukunikela imali eza kunceda ebandleni, kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke okanye kuzo zombini. Ibandla ngalinye liye libhale ingxelo yemali.

Funda Okungakumbi

Ividiyo: How Jehovah’s Witnesses Finance Their Work

Bona indlela oxhaswa ngayo umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova.