Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Kutheni Ningayibhiyozeli IKrismesi?

Kutheni Ningayibhiyozeli IKrismesi?

Ubuxoki obudla ngokuthethwa

Ubuxoki: Isizathu sokuba amaNgqina kaYehova angayibhiyozeli iKrismesi kukuba akakholelwa kuYesu.

Inyaniso: SingamaKristu. Sikholelwa ukuba usindiso lungoYesu Kristu.—IZenzo 4:12.

Ubuxoki: Niqhekeza iintsapho ngokufundisa amalungu azo ukuba angayibhiyozeli iKrismesi.

Inyaniso: Sizikhathalele kakhulu iintsapho, yaye sisebenzisa iBhayibhile ukuze sizakhe zomelele.

Ubuxoki: Niphoswa “ngumoya weKrismesi” wokupha, woxolo emhlabeni nomoya omhle ophakathi kwabantu.

Inyaniso: Sizabalazela ukupha nokuba noxolo yonke imihla. (IMizekeliso 11:25; Roma 12:18) Ngokomzekelo, indlela esiziqhuba ngayo iintlanganiso zethu nendlela esishumayela ngayo ivisisana nomyalelo kaYesu othi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Ngaphezu koko, sifuna abantu bajonge kuBukumkani bukaThixo njengethemba lokwenene lokuzisa uxolo emhlabeni.—Mateyu 10:7.

Kutheni amaNgqina kaYehova engayibhiyozeli iKrismesi?

  • UYesu wayalela ukuba sikhumbule ukufa kwakhe, hayi ukuzalwa kwakhe.—Luka 22:19, 20.

  • Abapostile nabafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala babengayibhiyozeli iKrismesi. IThe New Catholic Encyclopedia ithi, “itheko lokuzalwa kukaYesu laqaliswa emva ko-243 [C.E.],” kwinyaka engaphezulu kwekhulu wafayo umpostile wokugqibela.

  • Abukho ubungqina bokuba uYesu wazalwa ngoDisemba 25; iBhayibhile ayiwuchazi umhla awazalwa ngawo.

  • Sikholelwa ukuba uThixo akayifuni iKrismesi kuba ivela kumasiko nezithethe zabahedeni.—2 Korinte 6:17.

Kutheni iKrismesi iyingxaki kumaKristu?

Abaninzi basayibhiyozela iKrismesi nakuba besazi ukuba inemvelaphi yobuhedeni yaye iBhayibhile ayiyixhasi. Abantu abanjalo banokubuza: Kutheni amaKristu efanele angayenzi into eyenziwa ngabanye? Kutheni izakuba yingxaki nje le?

IBhayibhile isikhuthaza ukuba sizicingele, sisebenzise ‘amandla engqiqo.’ (Roma 12:1, 2) Isifundisa ukuba siyixabise inyaniso. (Yohane 4:23, 24) Ngoko, ngoxa sinomdla kwindlela abasijonga ngayo abanye, siza kunamathela kwimigaqo yeBhayibhile nokuba oko kubangela singafunwa ngabantu.

Nangona thina singayibhiyozeli iKrismesi, siyayihlonipha indlela abanye abayijonga ngayo. Asibaphazamisi abanye xa bebhiyozela iKrismesi.

 

 

 

Funda Okungakumbi

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ithini IBhayibhile NgeKrismesi?

Isenokukothusa imvelaphi yezithethe zeKrismesi ezintandathu ezaziwayo.

IMBONISELO

Ukuphela Kwefuthe LeKrismesi

Ukuba kunye nentsapho nabahlobo, ukunceda abasweleyo nokukhumbula uYesu—zonke ezi zinto zibalulekile. Yintoni eyona nto ibaluleke kakhulu?