I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AmaNgqina KaYehova Alifumene Njani Igama Lawo?

AmaNgqina KaYehova Alifumene Njani Igama Lawo?

IBhayibhile ithi igama likaThixo nguYehova. (Eksodus 6:3; INdumiso 83:18) Ingqina ngumntu oxelela abanye ngezinto okanye iinyaniso aqinisekileyo ngazo.

Kungoko ke igama lethu elithi amaNgqina kaYehova lisichaza njengeqela lamaKristu elithetha inyaniso ngoYehova, uMdali wezinto zonke. (ISityhilelo 4:11) Loo nyaniso siyingqina ngendlela esibuphila ngayo ubomi bethu nangokuxelela abanye oko siye sakufunda eBhayibhileni.—Isaya 43:10-12; 1 Petros 2:12