I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Ninawo Amabhinqa Angabashumayeli?

Ngaba Ninawo Amabhinqa Angabashumayeli?

Ewe. Onke amaNgqina kaYehova angabashumayeli, okanye abalungiseleli—kuquka izigidi eziliqela zamabhinqa. Njengoko iBhayibhile yaprofetayo, “amabhinqa amaninzi asasaza iindaba ezilungileyo.”INdumiso 68:11, iNET Bible.

Amabhinqa angamaNgqina kaYehova alandela umzekelo wamabhinqa aseBhayibhileni. (IMizekeliso 31:10-31) Nangona engakhokeli ebandleni, ayashumayela ebantwini. Kwakhona afundisa nabantwana babo imigaqo eseBhayibhileni. (IMizekeliso 1:8) Ngamazwi nangezenzo, amabhinqa angamaNgqina enza konke okusemandleni awo ukuze abe yimizekelo emihle.Tito 2:3-5.

 

Funda Okungakumbi

Ngaba Ngokwenene UThixo Uwakhathalele Amabhinqa?

Ucinga ukuba iBhayibhile iwajongela phantsi amabhinqa? Funda indlela uThixo awajonga ngayo.