Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa
  • EPalacio de Bellas Artes, kwiSixeko SaseMexico, eMexico—AmaNgqina KaYehova afundisa ngokusuka eBhayibhileni

  • EBetania, eChiapas State, eMexico—AmaNgqina kaYehova ahambisa incwadana esekelwe eBhayibhileni yesiTzotzil

  • ESan Miguel de Allende, eGuanajuato State, eMexico—AmaNgqina kaYehova ancokola ngevesi yeBhayibhile ekhuthazayo

UBOMI BASEBHETELI

Abantu Abaninzi Batyelela Isebe ElikuMbindi Merika

Ukuze abanye batyelele eBheteli kufuneka benze umgudu. Abaninzi bahamba iintsuku ngeebhasi eziqeshiweyo. Luthini ulutsha nabantwana ngokutyelela eBheteli?

ULWAKHIWO

IiHolo ZoBukumkani ZamaNgqina Asisigidi

Ukususela ngo-1999, zingaphezu kwama-5 000 iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova eziye zakhiwa eMexico nakumazwe asixhenxe kuMbindi Merika. Yintoni ebangela ukuba abantu abangengomaNgqina bakulangazelele ukubona iiHolo zoBukumkani kwimimandla yabo?

UBOMI BASEBHETELI

Abafundi Batyelela IOfisi YeSebe YamaNgqina KaYehova EMexico

Abafundi beNational School of Library and Archival Sciences batyelela iiofisi zethu eziseMexico. Omnye umfundi uthi olu tyelelo lumncede wayeka ukucalula abanye.

UKUNCEDA ABANTU

AmaNgqina KaYehova Afumana Imbasa Ngenxa Yokukhusela Indalo

Izakhiwo ekuprintelwa kuzo ngamaNgqina kaYehova eMexico zifumene imbasa yeClean Enterprise, lo ngunyaka wesixhenxe efumana le mbasa.

IMBONISELO—YOKUFUNDISA

Bazinikela Ngokuvumayo—EMexico

Khawuve ukuba baninzi kangakanani na abaselula abaye boyisa imiqobo ethile ukuze bandise ubulungiseleli babo.