INdumiso 76:1-12

Kumalathisi wemirhubhe. Uncuthu lwengoma. Eka-Asafu.+ Ingoma. 76  UThixo uyaziwa kwaYuda;+KwaSirayeli igama lakhe likhulu.+   Indawo yakhe esekusithekeni iseSalem,+Nendawo yakhe yokuhlala iseZiyon.+   Wayaphula apho imiphini enombane yesaphetha,+Ikhaka nekrele nedabi.+ Seʹlah.   Ugutyungelwe kukukhanya, okunobungangamsha ngaphezu kweentaba zexhoba.+   Abo baneentliziyo ezomeleleyo baphangiwe,+Bozele ebuthongweni babo,+Yaye akukho namnye kuwo onke amadoda anobukroti ozifumeneyo izandla zabo.+   Kukhalimelo lwakho, Thixo kaYakobi, umqhubi wenqwelo nehashe balele yoyi.+   Wena—uyoyikeka,+Ngubani onokuma phambi kwakho ngenxa yamandla omsindo wakho?+   Usemazulwini wabangela imbambano yomthetho yeviwa;+Umhlaba woyika waza wazola+   Xa uThixo waphakamayo ukuze agwebe,+Asindise bonke abalulamileyo bomhlaba.+ Seʹlah. 10  Kuba umsindo womntu uya kukubonga;+Umsindo oseleyo uya kuwubhinqa. 11  Yenzani isibhambathiso nize nisifezekise kuYehova uThixo wenu, nonke nina bamjikelezileyo.+Mabamzisele isipho besoyika.+ 12  Uya kuwuthoba umoya weenkokeli;+Uyoyikeka kookumkani bomhlaba.+

Umbhalo osemazantsi