INdumiso 29:1-11

Uncuthu lwengoma kaDavide. 29  Mnikeni uYehova, nina bonyana babo bomeleleyo,Mnikeni uYehova uzuko namandla.+   Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe.+Qubudani kuYehova ngokuhomba okungcwele.+   Ilizwi likaYehova liphezu kwamanzi;+UThixo ozukileyo+ ududumile.+UYehova uphezu kwamanzi amaninzi.+   Ilizwi likaYehova linamandla;+Ilizwi likaYehova linobungangamsha.+   Ilizwi likaYehova laphula imisedare;Ewe, uYehova waphula imisedare yaseLebhanon,+   Ubenza badlobe njengethole,+ILebhanon neSiriyon+ njengoonyana benqu.   Ilzwi likaYehova lixabela ngamadangatye omlilo;+   Ilizwi likaYehova lenza intlango izibhijabhije,+UYehova wenza intlango yaseKadeshe+ izibhijabhije.  Ilizwi likaYehova lenza amaxhamakazi azibhijabhije enenimba+Yaye liwahluba abe ze amahlathi.+Kwaye etempileni yakhe ngamnye uthi: “Luzuko!”+ 10  UYehova uhleli phezu konogumbe;+Yaye uYehova uhleli njengokumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 11  UYehova uya kubanika amandla ngokwenene abantu bakhe.+UYehova uya kubasikelela ngoxolo abantu bakhe.+

Umbhalo osemazantsi