INdumiso 141:1-10

Uncuthu lwengoma kaDavide. 141  Owu Yehova, ndibize kuwe.+Khawuleza uze kum.+Libekele indlebe ilizwi lam ekubizeni kwam kuwe.+   Ngamana umthandazo wam ungalungiselelwa njengempepho+ phambi kwakho,+Ukuphakanyiswa kwezandla zam zam kube njengomnikelo wokudla okuziinkozo wangokuhlwa.+   Wubekele umlindi, Yehova, umlomo wam;+Wubekele umlindi umnyango wemilebe yam.+   Intliziyo yam musa ukuyithobela nantoni na embi,+Ukuba iqhubeke nezenzo ezibi ngobungendawo+Kunye nabantu abaqhelisela okwenzakalisayo,+Ukuze ndingadli izinto zabo ezimnandi.+   Ukuba ilungisa lingandibetha, bekuya kuba bububele bothando obo;+Yaye ukuba lingandohlwaya, bekuya kuba yioli oko entloko,+Nto leyo intloko yam ibingayi kufuna ukuyala.+Kuba bekusaya kubakho umthandazo wam nasebudeni beentlekele zabo.+   Abagwebi babo baphoswe phantsi emacaleni engxondorha,+Kodwa bawavile amazwi am, ukuba ayathandeka.+   Njengaxa ubani ecanda yaye esahlukanisa umhlaba,Amathambo ethu achithachithwe emlonyeni weShiyol.+   Noko ke, amehlo am akuwe,+ Yehova Nkosi enguMongami.+Ndisabela kuwe.+Musa ukuwuphalaza umphefumlo wam.+   Ndigcine kumabamba esibatha abandibekele sona+Nasemigibeni yabo baqhelisela okwenzakalisayo.+ 10  Abangendawo baya kuwela eminatheni yabo xa bebonke,+Ngoxa mna ndidlula.

Umbhalo osemazantsi