INdumiso 140:1-13

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 140  Ndihlangule, Yehova, kubo abantu ababi;+Ngamana ungandilondoloza nasemntwini wezenzo zogonyamelo,+   Abo baceba izinto ezimbi entliziyweni yabo,+Abaqhubeka behlasela imini yonke njengasezimfazweni.+   Balulolile ulwimi lwabo njengolo lwenyoka;+Ubuhlungu berhamba elineempondwana buphantsi kwemilebe yabo.+ Seʹlah.   Ndigcine, Yehova, ezandleni zongendawo;+Ngamana ungandilondoloza nasemntwini wezenzo zogonyamelo,+Abo bacebe ukukhubekisa amanyathelo am.+   Abaziphakamisileyo bandifihlele isibatha;+Yaye baneke iintsontelo njengomnatha ecaleni komkhondo.+Bandibekele imigibe.+ Seʹlah.   Ndithe kuwe Yehova: “UnguThixo wam.+Beka indlebe, Yehova, elizwini lezibongozo zam.”+   Owu Yehova Nkosi enguMongami,+ mandla osindiso lwam,+Uyikhusele intloko yam ngemini yomkhosi oxhobileyo.+   Musa ukumnika, Yehova, iminqweno yongendawo.+Musa ukukuxhasa ukwenza kwakhe amayelenqe, ukuze bangaphakanyiswa.+ Seʹlah.   Zona ke iintloko zabo bandingqongileyo,+Ngamana bangagutyungelwa yinkathazo yemilebe yabo.+ 10  Ngamana bangaphoselwa amalahle avuthayo.+Mabawiswe emlilweni,+ emihadini enamanzi, ukuze bangabi nakuvuka.+ 11  Othetha kakhulu—makangamiselwa ngokuqinileyo emhlabeni.+Umntu wogonyamelo—ububi mabumzingele, bumntlokothise ngokuphindaphindiweyo.+ 12  Ndiyazi ukuba uYehova uya kuliphumeza+Ibango elisemthethweni loxhwalekileyo, umgwebo wamahlwempu.+ 13  Ngokuqinisekileyo amalungisa aya kubulela kwigama lakho;+Abathe tye baya kuhlala phambi kobuso bakho.+

Umbhalo osemazantsi