FUNDA KUBAHLOBO BAKAYEHOVA

UHananiya, UMishayeli NoAzariya

UHananiya, UMishayeli NoAzariya

Sebenzisani le nto ninokuyenza iprintiweyo ukuze nifunde kubahlobo bakaYehova, uHananiya, uMishayeli noAzariya.

Bazali, fundani nabantwana benu uDaniyeli 1:3-7 nezinye iivesi ezibalulekileyo kwisahluko 3 nize nincokole ngazo ezi vesi.

Dawunlowudani nize niprinte le nto ninokuyenza.

Sikani imifanekiso ekwiphepha lokuqala, nilandele imiyalelo eniyibonayo ukuze nenze into kwiphepha lesibini. Njengoko nisebenza kunye, phendulani imibuzo ekwividiyo.